Uisaya 19:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nalu udaba olundilisekileyo olumalunga neJiputa:Nank' *uNdikhoyo esiza eJiputa;uza etshebeleza ngelifukazi.*Oothixo abanqulwa apho batsho bankwantya,namaJiputa ngokwawo atsho anengevane.

2. UNdikhoyo ke uthethe wathi:“Ndiza kuxhokonxa umJiputa avukele umJiputa;elowo nalowo uza kuvukelana nomntakwabo,ummelwane avukelane nommelwane.Ngokunjalo isixeko sovukelana nesixeko;ewe, uburhulumente bovukelana noburhulumente.

3. AmaJiputa aza kudideka atyhafe;amacebo awo osuka aphunze.Aya kunkinkq' uncedo koothixo abaqingqiweyo;osuka abhenele kwabo bafileyo;obhenela kwabaneshologu nabambululayo.

4. AmaJiputa ndowanikela aphathwe gadalala:oba sezandleni zorhulumente okhohlakeleyo;aya kulawulwa ngukumkani osisikhohlakali.”Utsho ke uNdikhoyo uSomandla-onke.

5. Umlambo iNayile uya kutsha khonkqo,amanzi awo aphele kuthi tu!

6. Asivumba eliya kubakho kwimijelo yawo!Iintlambo zeNayile zowutha zitshe;iingcongolo nemikhanzi ziya kutshaza.

7. Ngasemlanjeni apho utyani bosuka buyobe;namasimi apho kuloo ntilindini osuka atshaze, avuthuluke aphele.

8. Sovakala isikhalo nencwina yabalobi.Baya kukhala abaphosa umnatha emanzini;amaqhogi abalobi aya kubuya ze.

9. Abasebenzisa umqhaphu baya kutyhafa,nabo basontayo bophelelwa ngamandla.

10. Ewe, kuya kuba nzima kubenzi belaphu,ibe lusizi lodwa kubaqeshwa.

11. Amaphakathi aseZowan wona zizityhakala;loo matshawe alumkileyo ayalahlekisa!Ngani ukuba ade athi kukumkani:“Thina siziingcaphephe zeengqondi,amahlakani ezikumkani zamandulo”?

Uisaya 19