Uisaya 16:10-14 Ibhayibhile (XHO96)

10. Amasimi akezi namihlali nalonwabo;ezidiliyeni ayisekho ingoma nemiyeyezelo.Ezixovulelweni akusekho baxovuli;imiyiyizelo yabavuni iphelile.

11. Ngoko ke ndinesimbonono ngenxa yeMowabhi;ngenene ndihlahlamba njengesigingci,ngenxa yeKir-hareshete ndibindekile.

12. AmaMowabhi aziduba nje ngokunyuka intaba esiya kunqula; yonke loo nto yinkcitha-xesha.

13. Olu ludaba awaluthetha kwamandulo uNdikhoyo ngokubhekiselele kwiMowabhi.

14. Kambe ke ngoku uNdikhoyo uthi: “Kwiminyaka emithathu yokunyamezela ubutyebi beMowabhi buya kuphel' emehlweni. Obu bunewu-newu naloo nyambalala yabantu konke kuya kutshabha, naloo mingqandanda isindileyo yoba ngamabhetye-bhetye.”

Uisaya 16