Uisaya 10:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kambe ke yena uAsiriya akakhw' apho;kuthe kanti yena unanjongo yimbi.Suka yena wazimisela ukutshabalalisa;izizwe yena ufun' ukuzicim' igama.

8. Kaloku uAsiriya uyaqhayisa, uthi:‘Iingqwayi-ngqwayi zam zikwangookumkani!

9. OoKaleno nooKarkemishe bona ndabageqa;iiHamati neeArpadi ndazisukelisa;kooSamariya nooDamasko ndathi ginyi-qobo!

10. Izikumkani ezinqula imifanekiso ndazoyisa –mifanekiso leyo yayiyinyambalala,ingaphezu kweyeJerusalem neSamariya.

11. Ndayitshabalalisa iSamariya,ndenjenjalo nakwimifanekiso yayo.Ndisaya kwenjenjalo ke naseJerusalemkwakunye naloo mifanekiso yayo.’ ”

12. Kambe ke yona iNkosi ithi: “Ndakuwufeza umsebenzi wam kwintaba iZiyon eJerusalem, ndiya kubuya ngayo ikumkani yaseAsiriya, ndiyohlwaye. Kaloku iyadelela, futhi xa iqhayisayo

13. ithi:“ ‘Lo ngumsebenzi wamandla am!Obu bubunkunkqela nengqiqo yam!Ndiyidedisile imida yezizwe,ndaza ndazenzela kwindyebo yazo;njengengangamsha ndizikhiqile izikumkani.

14. Ubutyebi bazo suka bafana namaqand' entaka,ndaza ke mna ndathatha ndathaphulula nje!Njengomntu oxhaphaza amaqanda asisisulu,ndenjenjalo ukuziqokelela izizwe.Ndizenzela nje kungaqhwaqhwazi nephiko eli,kungekho nantaka ekhe yakrotsha!’ ”

15. Lingazenza bhetele na izembe kunomgawuli,khona isarha kunomsarhi?Asiyonduku ephakamisa umniniyo;kaloku iba ngumntu oyiphakamisayo.

16. Ngoko ke iNkosi uNdikhoyo uSomandla-onkeiya kuzifaka isibetho izigantshontsho,ilitshise ngomlilo elo qhayiya lazo.

17. UThixo olukhanyiso lukaSirayeli wosuka afike abe ngumlilo,uYedwa kaSirayeli abe lidangaty' elilenyayo,ngamini-nye abhubhise konke nje,nditsho nameva kunye nobobo.

18. Loo masimi achumayo naloo mahlathi ashinyeneyowosuka yena awabhuqe bhuqiyane,oku komkhuhlane usutywa kukufa.

19. Kuloo mahlathi kosala imingqandandana njeengábalwa lula nayimveku le.

Uisaya 10