16. Ngoko ke iNkosi uNdikhoyo uSomandla-onkeiya kuzifaka isibetho izigantshontsho,ilitshise ngomlilo elo qhayiya lazo.
17. UThixo olukhanyiso lukaSirayeli wosuka afike abe ngumlilo,uYedwa kaSirayeli abe lidangaty' elilenyayo,ngamini-nye abhubhise konke nje,nditsho nameva kunye nobobo.
18. Loo masimi achumayo naloo mahlathi ashinyeneyowosuka yena awabhuqe bhuqiyane,oku komkhuhlane usutywa kukufa.
19. Kuloo mahlathi kosala imingqandandana njeengábalwa lula nayimveku le.
20. Liyeza ixesha apho elo qaqobana lisindileyo lamaSirayeli lingayi kuba saqamela ngalowo ulenza ixhoba. Ngelo xesha amaSirayeli aya kukholosa ngokupheleleyo *ngoNdikhoyo uThixo onguYedwa kaSirayeli.
21. Amasalela endlu kaSirayeli aya kubuyela kwigorha elinguThixo wawo.