Uhosiya 9:6-14 Ibhayibhile (XHO96)

6. Xa bangasindiyo ekutshatyalalisweniiJiputa yofika yona ibaqokelele,ke yena uMemfisi abangcwabe.Ubutyebi besiliva buya kukhulelwa lukhula,imizi yabo ibhijelwe yimithana enameva.

7. Iyeza imihla yesohlwayo –nditsho imihla yembuyekezo –noSirayeli ke uza kuqonda.Ngenxa yokwanda kobugwenxa benu,nobunzulu bentiyo yenu,*umshumayeli nithi sisityhakala,umntu onefuthe likaMoya uphambene.

8. Umshumayeli ngumlindi kaEfrayim,bantu abo bangaboThixo wam,kodwa ubekelwa izabatha,kuliwe naye endlwini yoThixo wakhe.

9. Ewe, bonakele ngokungathethekiyo;kunjengaloo mihla yaseGibheya.UThixo akabulibalanga ubugwenxa babo,yaye ke uza kubohlwayangenxa yezono zabo.

10. Ndathi mhla ndamfumana uSirayelikwanga ndibhaqe iidiliya entlango;mhla ndabafumana ookhokho benuyaba ngathi ndibhaqe amakhiwane,makhiwane ke alulibo.Bathe bakufika eBhali-pehoresuka bazinikela kuBhali,baza bagqwaliseka njengaye kum.

11. Udumo lukaEfrayim lothi shwaka,luntinge lumke njengentaka.Akukho mfazi uya kukhulelwa;ewe, akukho mfazi uya kubeleka.

12. Naxa benabo abantwana abakhulayondobatshayela kuthi tu.Mawo-o-o! Yeka mhla ndabafulathela!

13. Ndambona uEfrayim enjengeTire,emi kwisithabazi somhlaba.Kambe abantwana bakhe baya kuzingelwa,bona boba zizisulu zokubulawa.

14. Azi ndothini na *kuNdikhoyo?Mandithi banike ntoni na kodwa?Izizalo ezingaphathi nto;amabele awomileyo.

Uhosiya 9