8. “Hlokomisan' isigodlo eGibheya,nihlab' umkhosi ngexilongo eRama.Ze niwuvakalise naseBhetaven.IBhetaven, igama elithetha umzi wenkohlakalo, ligama ebizwa ngalo apha iBhetele, igama elithetha umzi kaThixoPhakath' emsini, wena Bhenjamin!
9. Yeka ke ngomhla wesohlwayo:uEfrayim yena ndomvuthulula.Nonke nina zindlu zikaSirayeli,yazini, kuba oku kuqinisekile.
10. Kaloku wona amatshawe akwaJudaselefana nâbo bahlehlisa umlimandlela.Ndosuka ndibagalele ngomsindo wam,babe ngathi bafikelwe ziimpuphuma.
11. Ewe, uEfrayim ubandezelekile;suka wamvikiva umgwebo,kuba yena usukelana nezithixo ezingento yanto.
12. Ndoba njengenundu kumaEfrayim,ndibe njengombolisa kwaJuda.
13. UEfrayim wasibona isifo sakhe,noJuda wazibona iinduma zakhe.Suka uEfrayim wabhenel' eAsiriya,wazibika apho kukumkani uYarebhi;kodwa yena nkqi ukunyanga,soze aziphozise ezo nduma.
14. Ke kuEfrayim ndoba njengengonyama;ewe, ndibe lirhamncwa kwindlu kaJuda.Ndobaqwenga-qwenga ndibashiye,ndibafuduse bangahlangulwa bani;
15. ndize ke ndibuyele endaweni yam,bade basivume isono sabo,banqwenele ukububona ubuso bam.Ewe, bondizingela bendifunangenxa yokuminxwa ziimbandezelo.