Uhosiya 4:8-14 Ibhayibhile (XHO96)

8. Bona batya ngezono zabantu bam;eyona nto bayifunayo kukuba makwenziwe ubugwenxa.

9. Ngoko ke mna ndobopha ngentamb' enye,ndingakhethi mntu nambingeleli,ndibohlwaye bonke ngenxa yeendlela zabo,ndibabuyekeze ngenxa yeentlondi zabo.

10. Boba ngatya, banganeli noko;boba ngahenyuza, bangandi kodwa;kuba bakuyekile ukumphulaphula uNdikhoyo,

11. basuka bazilahlela ekuhenyuzeni.”“Entsha nendala iwayini iyithimba kuthi tu ingqondo

12. yabantu bam.Bade babuzise nakumfanekiso womthi;bafun' ukutyhilelwa nayintonga yembala.Kaloku balahlekiswa ngumoya wobuhenyu;bakrexezile bamlahla uThixo wabo.

13. Benz' amadini kwiincopho zeentaba,baqhumisele ezindulini,phantsi kwemioki, iipampiri, nemiterebhinte,apho kukho imithunzi epholileyo.Zisuke ke iintombi zenu zihenyuze;basuke oomolokazana bakrexeze.

14. “Andiyi kuzohlwaya iintombi zenu, nakuba zingenwa luhenyuzo nje,ngokunjalo noomolokazana benu, noba bangade bakrexeza,kuba namadoda ngokwawo ayahenyuza,enza iminikelo kunyenamahenyukazi asezindlwini zonqulo-zithixo.Awu, bantundini bangaqondiyo, anikho yintshabalalo!”

Uhosiya 4