Uhosiya 4:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. basuka bazilahlela ekuhenyuzeni.”“Entsha nendala iwayini iyithimba kuthi tu ingqondo

12. yabantu bam.Bade babuzise nakumfanekiso womthi;bafun' ukutyhilelwa nayintonga yembala.Kaloku balahlekiswa ngumoya wobuhenyu;bakrexezile bamlahla uThixo wabo.

13. Benz' amadini kwiincopho zeentaba,baqhumisele ezindulini,phantsi kwemioki, iipampiri, nemiterebhinte,apho kukho imithunzi epholileyo.Zisuke ke iintombi zenu zihenyuze;basuke oomolokazana bakrexeze.

14. “Andiyi kuzohlwaya iintombi zenu, nakuba zingenwa luhenyuzo nje,ngokunjalo noomolokazana benu, noba bangade bakrexeza,kuba namadoda ngokwawo ayahenyuza,enza iminikelo kunyenamahenyukazi asezindlwini zonqulo-zithixo.Awu, bantundini bangaqondiyo, anikho yintshabalalo!”

15. “Nangona ukrexeza nje, Sirayeli,uJuda yena makangazibizeli ityala.Mus' ukuya eGiligali, Juda,ungayi naseBhetaven,ungenzi zifungo zilambathayo,usithi: ‘Ekho nje uNdikhoyo!’

16. “Hayi, kamb' iinkani zakhe uSirayeli, nqwa nethokazi elidlokovayo!Ke uNdikhoyo angamalusa njani okwetakane edlelweni?

Uhosiya 4