Uhosiya 4:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Hoyina; hoyina, maSirayeli!Phulaphulani ilizwi *likaNdikhoyo!Kaloku uNdikhoyo unesikhalazo,umangalela abemi beli lizwe:“Akukho tu ukunyaniseka nokuthembeka;akazelwe nto uThixo kweli lizwe.

2. Intw' ekhoyo kukuqalekisa,ukuxoka, ukubulala, ukûba, nokukrexeza.Kugquba ubugebenga;igazi liphalala liphalele.

3. Ngenxa yoko ilizwe lingumqwebedu,nabo bonke abemi balo bayankolonkoza,ngokunjalo oozilwanyana noozintaka;nkqu neentlanzi elwandle phaya ziyafa.”

4. “Akafumani amangalelwe umntu,asuke nje atyholwe ngomnye,kodwa mna ndiza kuwamangalela amawenu, mbingelelindini!

5. Ùza kukhubeka uwe emini wena,nomshumayeli akhubeke awe kunye nawe ebusuku;ewe, nkqu nonyoko ndomcim' igama.

6. Kaloku abantu bam bayatshabalalangenxa yokuswela ulwazi ngam.“Kaloku uyalubukula ulwazi ngam;nawe ke ndiyakukhiqa kububingeleli bam.Wena uwutyeshele umthetho woThixo wakho;andiyi kubakhathalela ke noonyana bakho.

7. “Okukhona baye besanda ababingeleli,kokukhona kwandayo nokundona kwabo.Ke lona olo dumo lwabo ndolujika lube lihlazo.

Uhosiya 4