Uhosiya 2:20-23 Ibhayibhile (XHO96)

20. Ndokumanya nam ngentembeko,khon' ukuze undazi mna *Ndikhoyo.

21. “Ngaloo mini ndophendula;ndowaphendula amazulu,nawo awuphendule umhlaba.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

22. “Nawo umhlaba uya kuphendula,uvelise ingqolowa newayini namafutha,zona eziyimpendulo kwiYizereli.

23. Ndozihlwayelela yena emhlabeni,ndimenzele inceba lowo bekusakuthiwa nguAkenzelwanga-nceba.Kwabo kuthiwa: ‘Asibantu bam,’ndiya kuthi: ‘Ningabantu bam,’bona bathi kum: ‘Wena unguThixo wethu.’ ”

Uhosiya 2