Uhosiya 13:9-14 Ibhayibhile (XHO96)

9. “Ngenene uzonakalisile, Sirayeli,ngokundichasa kwakho, mna luncedo lwakho.

10. Uphi khona loo kumkani wakhoukuba angakusindisi ezixekweni zakho zonke?Ziphi kaloku iinkokheli zakho?Ngani zingakuncedi nje?Kaloku nankqangaza nisithi:‘Sinike ookumkani nabalawuli.’

11. Ewe kaloku, ndasuka ngomsindo,ndaza ndaninika ookumkani.Kwangomsindo ndisuke ndabohlutha.”

12. “Ubugwenxa bukaEfrayim budityanisiwe babotshwa;izono zakhe zigcinwe kuvimba.

13. Uyapena-pena ziintlungu zenimba;kambe sisiyatha sosana –lakufika ixesha lokuzalwa aluvumi ukuvela.

14. Ndomhlawulela na kwigunya lengcwaba?Ngaba ndomhlangula na ekufeni?Wena kufa, siphi isibetho sakho?Nawe ngcwaba, luphi ulwamvila lwakho?Ngenene andisayi kuba nanceba mpela!

Uhosiya 13