Uhosiya 13:2-9 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ngoku wongeza isono phezu kwesono;uzenzela imifanekiso etyhidiweyo ngesiliva,izithixo ezenziwe ngokweembono zakhe.Ewe, bubuchule bezandla zomntu.Ngoku ke sekusithiwa:“Ofuna ukwenza idini makawange la mathole.”

3. Ke ngoko bothi shwaka njengenkungu yakusasa,njengombethe osuka uvuthuluke.Bofana nomququ ophetshethwa ngumoya,umququ wesanda ophel' emehlweni,ngathi ngumsi otyhoboza ngefestile.

4. “Ukanti ke *ndinguNdikhoyo uThixo wakho.Mna ndakukhuphulula eJiputa.AwunaThixo ngaphandle kwam,kungekho namsindisi ingendim.

5. Ndim owakulondolozayo entlango,ndakugcina kwilizwe lembalela.

6. Ndanondla natsho nahlutha,nathi ningahlutha nakhukhumala;ewe, nasuka nandilibala.

7. Ndosuka ndinihlasele njengengonyama;ndosuka ndinilalele njengengwe.

8. Ndohlasela njengebhere eyohluthwe amathole ayo;ewe, ndosuka ndiniqwenga-qwenge.Ndonidlavula njengemazi yengonyama,ndiniqwenge ngathi nihlaselwa lirhamncwa.

9. “Ngenene uzonakalisile, Sirayeli,ngokundichasa kwakho, mna luncedo lwakho.

Uhosiya 13