4. wajijisana nesithunywa woyisa,wakhala ecela inceba.Wahlangana noThixo eBhetele,waza wathetha-thethana naye khona apho –
5. uNdikhoyo uThixo uSomandla.Gama lakhe ke nguNdikhoyo;uthuthwa ngalo xa enqulwa.
6. Ngoko ke buyela kuThixo wakho;gcina uthando nobulungisa,uhlale uthembele kuThixo wakho.
7. Isikali somrhwebi sesobuqhophololo;yena uthanda ukuxhaphaza.
8. Kodwa uEfrayim uthi:“Ndimi kakuhle, ndisisinhanha.Ekuzityebiseni kwam akukho bugwenxa nasono esinokufunyanwa.”
9. “NdinguNdikhoyo uThixo wakhoowakukhuphulula kwelaseJiputa.Ndophinda ndinihlalise ezintenteninjengakwimihla yamatheko amisiweyo.