Uhosiya 10:4-7 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ewe, bathetha amazwi alambathayo;benza izibhambathiso zelize;bangena kwiminqophiso ephuthileyo.Suka ke ukubambana kwabo ezinkundlenikwafana nokhula oluyityhefuoluhluma emasimini alinyiweyo.

5. AbaseSamariya ke bayangcangcazelangenxa yethole laseBhetaven.Abemi bakhona botsho ngesijwili;nababingeleli balo baya kulililelangenxa yokutshitsha kwesidima salo.

6. Loqweqwediselwa eAsiriya;liya kuba ngumrhumo kukumkani uYarebhi.UEfrayim uya kuhlaziswa,uSirayeli abe neentloni ngecebo lakhe.

7. Ukumkani waseSamariya wonqanyulwa;wothi shwaka ngathi luluthi emanzini.

Uhosiya 10