1. USirayeli wayenjengomdiliya othe xazalala,ovelisa iziqhamo ngexesha lazo.Kanti ngokwanda kwezo ziqhamowenjenjalo nokwandisa amaqonga.Ngokwanda kwenkqubela yelizwewenjenjalo ukuzihombisa neentsika zakhe.
2. Intliziyo yabo iyinkohliso!Ngoku baza kuvuna leyo bayilimileyo.*UNdikhoyo wowadiliza amaqonga abo,azisiphule ezo ntsika zabo.
3. Kaloku ngoku baza kuthi:“Thina asinaye ukumkani,kuba kaloku asimhloneli uNdikhoyo.Ukuba besinaye ke,angasenzela ntoni ukumkani?”