Uhlaziyo-Mnqophiso 9:12-15 Ibhayibhile (XHO96)

12. “Ke kaloku uNdikhoyo wathi: ‘Khawuleza uhle, kuba abantu bakho owabakhokela uphuma nabo eJiputa bonile. Ngokukhawuleza nje sebephumile endleleni endabayalela yona; ngoku bazenzele umfanekiso otyhidiweyo.’

13. “UNdikhoyo wathi: ‘Ndiyabazi aba bantu ukuba neenkani kwabo.

14. Ngoko ke ndiyeke ndibatshabalalise nya, ndilicime igama labo ehlabathini. Ke wena ndiya kukwenza ube sisizwe esikhulu nesomeleleyo kunabo.’

15. “Ngoko ke ndehla apho entabeni, ndiphethe loo macwecwe mabini amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso. Ke kaloku intaba leyo yayidangazela umlilo.

Uhlaziyo-Mnqophiso 9