15. Kaloku yena wanikhokela kweso sithabazi sentlango eyoyikekayo, apho kwakukho iinyoka ezinobuhlungu ndawonye noonomadudwane. Apho kanye kuloo nkangala ingenamanzi wanivelisela amanzi eliweni lenyengane.
16. Kaloku apho entlango wanondla *ngemana, ukutya okwakungaziwa, kungazange kutyiwe nangooyihlo-mkhulu. Wanithoba ngokunilinga ngezo meko zinjalo, khon' ukuze ekugqibeleni anithamsanqele ngezinto ezintle!
17. Nisenokuthetha nithi: ‘Obu butyebi sibufumene ngamandla nangobuchule bethu.’
18. Ngokutsho noba nilibele ukuba nguNdikhoyo uThixo wenu onithe jize ngobutyebi. Le nto ke uyenza kuba ezinzisa umnqophiso awawenzayo nooyihlo-mkhulu ngesifungo.