Uhlaziyo-Mnqophiso 7:4-8 Ibhayibhile (XHO96)

4. kuba ningáthi niyenzile loo nto zibawexule bamlahle uNdikhoyo abantwana benu, banqule thixo bambi. Ingáthi ikhe yenzeka loo nto uNdikhoyo acaphuke anitshabalalise ngoko nangoko.

5. Ngoko ke ze nenjenje kuzo: wadilizeni amaqonga azo, iintsika zazo zamatye niziqhekeze zibe ziingceba, ke yona imifanekiso yesithixokazi sazo uAshera ze niyinqunqe, ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo noyitshisa ngomlilo.

6. Le nto ke noyenza kuba kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo uThixo wenu. Kaloku kuzo zonke izizwe zehlabathi uNdikhoyo uThixo wenu uninyulele ukuze nibe ngabantu abalibango lakhe elilodwa.

7. “Ke kaloku uNdikhoyo akathanga nca nani waninyula kuba nibaninzi kunezinye izizwe; hayi, kaloku nanisesona sizwe sincinci ehlabathini liphela.

8. UNdikhoyo uninyule kuba enithanda, efuna ukusigcina isifungo awasenzela ooyihlo-mkhulu. Kwakungenxa yeso sizathu ukuze anihlangule ngamandla akhe amakhulu, anikhulule ebukhobokeni phantsi kokumkani waseJiputa.

Uhlaziyo-Mnqophiso 7