23. UNdikhoyo uya kuzinikela ezandleni zenu iintshaba zenu, azenze zibe namanwele, zidideke, zitshabalale ziphele.
24. Izikumkani zazo uya kuzinikela ezandleni zenu; ke nina niya kuzitshabalalisa zingabi sakhunjulwa. Akukho mntu uya kuba nako ukumelana nani, naye ke niya kutshabalalisa nivuthulule konke nje.
25. Imifanekiso eqingqiweyo *yezithixo zabo ze niyitshise. Igolide nesiliva eyenziwe ngayo loo mifanekiso ze ningayibaweli niyithathe, hleze nizenzele umgibe ngayo; kaloku yona ilisikizi kuNdikhoyo uThixo wenu.
26. Le mifanekiso ze ningayingenisi emizini yenu, hleze nithi ngokwenjenjalo nizithathele ishwangusha kwanjengokuba nayo iqalekisiwe. Kufuneka niyithiye niyenyanye imifanekiso, kuba kaloku imelwe kukutshatyalaliswa.”