Uhlaziyo-Mnqophiso 5:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. ‘Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho owakukhupha eJiputa apho wawulikhoboka khona.

7. “ ‘Ungaze unqule thixo wumbi ngaphandle kwam.

8. “ ‘Ungaze uziqingqele umfanekiso wothixo, nditsho nokuba ngowantoni na esesibhakabhakeni phezulu, okanye esemhlabeni phantsi, okanye nokuba yeyasemanzini aphantsi komhlaba.

9. Ungaze ukhahlele unqule umfanekiso oqingqiweyo; kuba mna Ndikhoyo Thixo wakho ndinguThixo onekhwele. Ndiyabohlwaya abandithiyileyo; ewe, ndohlwaya ooyise ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo.

10. Kodwa ke ndiphuphuma izibele kumawaka-waka abo bandithandayo beyithobela imiyalelo yam.

11. “ ‘Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.

Uhlaziyo-Mnqophiso 5