7. Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba *uthixo waso abe kufutshane kuso njengoko uNdikhoyo uThixo wethu esondele kuthi xa simthandaza?
8. Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba sibe nemimiselo nemigaqo enjengalo mthetho endiwaneka phambi kwenu namhlanje?
9. Lumkani ke, nizigcine ubomi benu bonke, hleze nikulibale konke enakubonayo ngamehlo enu, kulibaleke nakwiinkumbulo zenu. Ze nibalisele abantwana benu, ngokunjalo nabazukulwana