1. UMosis wawayala amaSirayeli, wathi: “Le mimiselo ndinifundisa yona yithobeleni, khon' ukuze niphile, nibe nako ukungena kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wookhokho benu.
2. Le miyalelo kaNdikhoyo ndininika yona ze niyigcine, ningaze niyandise okanye niyinciphise.
3. Nazibonela ngokwenu into awayenzayo uNdikhoyo eBhali-pehore. Wabatshabalalisa bonke ababenqula uBhali wasePehore,
4. kambe ke nina enanibambelele kuNdikhoyo uThixo wenu nisekho unanamhla.