Uhlaziyo-Mnqophiso 34:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. nawo wonke umhlaba wakwaNafetali; imimandla yakwaEfrayim nakwaManase, nowakwaJuda ukuya kuthi xhaxhe ngolwandle;

3. ngokunjalo namazantsi akwaJuda; neso sithabazi samathafa ukusuka eZoware ukuya kuma ngeJeriko isixeko samasundu.

4. UNdikhoyo wathi kuMosis: “Nanko ke umhlaba endathembisa ngawo ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi ndakuze ndiwunike abazukulwana babo. Ndifuna uwubone nje, kuba wena ngokwakho awuzukuya kungena kuwo.”

5. Ngenene ke uMosis isicaka sikaNdikhoyo wafela apho kumhlaba waseMowabhi ngokomlomo kaNdikhoyo.

6. UNdikhoyo wamngcwaba apho kwiintili zaseMowabhi malunga nedolophu iBhete-pehore. Kambe ke akukho bani uyazi ncam indawo elikuyo ingcwaba lakhe unanamhla.

7. Ukufa kwakhe uMosis wayenekhulu elinamashumi amabini eminyaka, kodwa esomelele, engabikwa hlaba, namehlo akhe engekabi nalo norhatyazo.

8. AmaSirayeli amzilela iintsuku ezimashumi mathathu apho kuloo mathafa aseMowabhi. Zaba ke zifezekile iintsuku zokuzila.

Uhlaziyo-Mnqophiso 34