5. Wena Ndikhoyo waba ngukumkani kaYeshurun,zakuba zihlanganisene iinkokheli zabantu,zakuba ziqukene izizwe zakwaSirayeli.”
6. Wasuka ke uMosis wathetha ngoRubhen, wenjenje:“URubhen makahlal' ehleli angaze atshitshe,nakuba engengakanani ngamanani.”
7. NgoJuda wathi:“Kambe ke, wena Ndikhoyo,bek' iindlebe umphulaphule uJuda,ubuye ummanye namawabo.Yena wazilwela ngezo zandla zakhe, Ndikhoyo,ke ngoko msize ezintshabeni zakhe.”
8. NgoLevi wathi:“Ndikhoyo, *iiurim neethumim otyhila intando yakho ngazo,zezentandane yakho uLevi,yena lowo wamvavanyayo eMasa,owabambana naye emanzin' aseMeribha.