Uhlaziyo-Mnqophiso 33:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. Wena Ndikhoyo waba ngukumkani kaYeshurun,zakuba zihlanganisene iinkokheli zabantu,zakuba ziqukene izizwe zakwaSirayeli.”

6. Wasuka ke uMosis wathetha ngoRubhen, wenjenje:“URubhen makahlal' ehleli angaze atshitshe,nakuba engengakanani ngamanani.”

7. NgoJuda wathi:“Kambe ke, wena Ndikhoyo,bek' iindlebe umphulaphule uJuda,ubuye ummanye namawabo.Yena wazilwela ngezo zandla zakhe, Ndikhoyo,ke ngoko msize ezintshabeni zakhe.”

8. NgoLevi wathi:“Ndikhoyo, *iiurim neethumim otyhila intando yakho ngazo,zezentandane yakho uLevi,yena lowo wamvavanyayo eMasa,owabambana naye emanzin' aseMeribha.

Uhlaziyo-Mnqophiso 33