Uhlaziyo-Mnqophiso 33:17-21 Ibhayibhile (XHO96)

17. UJosefu nkunzi yakwabani ukomelela,emise okwenyathi –mpondo ezo zizezamawaka akwaManasenamashumi amawaka akwaEfrayim.Ngazo uhlabanisela izizwe;ewe, nezo ziseziphelweni zehlabathi.”

18. NgoZebhulon noIsakare wathi:“KwaZebhulon makube yimihlali ukucanda elwandle;kwaIsakare makube yimivuyo ukuhlala ekhaya.

19. Izizwe bozimemela entabeni yabo,bawenzele apho amadini afanelekileyo.Bona bamfimfitha indyebo yaselwandle,ubutyebi babo babubhaqe elunxwemeni.”

20. NgoGadi wathi:“Makabongwe owandisa uGadi.UGadi ubuthuma njengengonyamaukuze aqwenge ingalo noba lukhakhayi.

21. Yena uzikhethela ezona-zona elizweni,kuba wabelwa inxaxheba yengqwayi-ngqwayi.Umela ubulungisa nemimiselo kaNdikhoyo,zakuba zihlanganisene iinkokheli zakwaSirayeli.”

Uhlaziyo-Mnqophiso 33