23. UNdikhoyo ke wamyalela wenjenje noYoshuwa unyana kaNune: “Qina ukhaliphe, kuba nguwe oza kukhokela amaSirayeli, uye kuwangenisa kwelo lizwe ndawathembisa ngalo ngesifungo; ibe ke mna ndiza kuba nawe.”
24. Ke kaloku uMosis wawabhala encwadini amazwi alo mthetho, akashiyelela nento le.
25. Akuba egqibile ke wayalela ababingeleli babaLevi ababejongene netyesi yomnqophso kaNdikhoyo, wathi:
26. “Thathani, nantsi ke incwadi yomthetho. Yibekeni ecaleni letyesi yomnqophiso kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze ibe lingqina likaNdikhoyo ngamaSirayeli.
27. Kaloku ndiyanazi ukuba nizizibhoja ezinenkani. Ngexesha lokudla kwam ubomi benivukelana naye uNdikhoyo; nobeka phi na ukumvukela xa ndingasekhoyo?
28. Ngoko ke khanihlanganise amadoda amakhulu ezizwe zakowenu neenduna zenu, ukuze ndiwaxelele ezi zinto. Ndiza kubiza amazulu nehlabathi, ukuze andingqinele.