1. Waqhubela phambili uMosis ukuthetha nawo onke amaSirayeli,
2. wathi: “Ngoku sendinekhulu mashumi mabini eminyaka. Andisenako ukunikhokela. Kaloku *uNdikhoyo wandazisa ukuba andiyi kuyiwela iJordan.
3. NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela niwele, azivuthulule zitshabalale iintlanga zelaa lizwe, ukuze ke nina ningene nime kulo. Ngokomlomo kaNdikhoyo nguYoshuwa oza kunikhokela niwele iJordan.