Uhlaziyo-Mnqophiso 30:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Lo myalelo ndininika wona namhlanje ke, awunzima kakhulu, futhi ungekho ngaphaya kwamandla enu.

12. Awukho phezulu esibhakabhakeni, ukuba ningade nikhale, nithi: ‘Yaz'ba ngubani na oya kunyuka aye esibhakabhakeni asithobele wona uze kuthi, khon' ukuze sibe nokuwuva siwenze?’

13. Kwangokunjalo awukho ngaphesheya kolwandle, ukuba ningade nikhale, nithi: ‘Yaz'ba ngubani na oya kuwela ulwandle, awuthathe awusondeze kuthi, ukuze siwuve siwenze?’

14. Hayi khona, nakanye! Kaloku lo myalelo awukude kuwe: uthetha ngawo qho, uyawuthanda, uwuthobela nokuwuthobela.

15. “Uyabona ke, zikhethele namhlanje; bukho ubomi nokuhle, ngokunjalo nokufa nobubi.

16. Mna ndikuyalela namhlanje ukuba umthande uNdikhoyo uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, uyithobele uyenze imiyalelo nemimiselo nezithethe zakhe. Wakwenjenjalo uya kuphila wande, uNdikhoyo uThixo wakho akuthamsanqele kwelo lizwe ungenela ukuya kuma kulo.

Uhlaziyo-Mnqophiso 30