18. “Kananjalo ngelo thuba ndaniyalela, ndathi: ‘UNdikhoyo uThixo wenu uninikile loo mhlaba usempumalanga yomlambo iJordan ukuba nime kuwo. Ke wona umkhosi wenu wuxhobiseni, niwuthumele uwele iJordan, wandulele amawawo.
19. Abafazi nabantwana, ngokunjalo nomhlambikazi weenkomo zenu, mabasale apha kwezi dolophu ndinabele zona.
20. Wancedeni amawenu nawo ade azinze kuloo mhlaba awuphiwe nguNdikhoyo kwintshonalanga yomlambo iJordan, njengoko selenzile nakuni. Emva koko ke noba nako ukubuyela apha kulo mhlaba usisabelo senu.’
21. “Ndaza ke ndathetha noYoshuwa, ndathi: ‘Sowuyibonile ke into eyênziwa nguNdikhoyo uThixo wethu kookumkani ababini, uSihon no-Ogi. Úsaza kwenza kwaloo nto ke nakubo bonke ookumkani obahlaselayo kwelo lizwe ùya kulo.
22. Ningaboyiki, kuba uNdikhoyo uThixo wenu nguye oza kunilwela.’ ”
23. “Kwangelo thuba ndambongoza *uNdikhoyo, ndathi: