Uhlaziyo-Mnqophiso 29:23-28 Ibhayibhile (XHO96)

23. Umhlaba uya kubharha, wambathiswe yisulfure netyuwa. Awuyi kuvelisa nto; akuyi kuntshula nokhula olu lwembala. Elo lizwe liya kuba njengeSodom neGomora, iAdama neZebhoyim, awathi ngenxa yengqumbo nomsindo wazitshabalalisa uNdikhoyo.

24. “Zonke iintlanga ziya kubuza zithi: ‘Kwakutheni ukuze uNdikhoyo awenjenje lo mhlaba? Wayekhathazwe yintoni ade abe nomsindo kangaka?’

25. Impendulo ke iya kuthi: ‘Kungenxa yokuba betyeshele umnqophiso ophakathi kwabo noNdikhoyo uThixo wooyise-mkhulu; mnqophiso lowo bângena kuwo ekubakhupheni kwakhe eJiputa.

26. Basuke banqula *thixo bambi ababengabazi ngaphambili, ababengavumelekile ukuba babanqule.

27. UNdikhoyo ke wavutha ngumsindo, waza elo lizwe walihlisela ezi ziqalekiso zibhalwe apha kule ncwadi.

28. Ewe, wakhathazeka gqitha, wabancothula ngomsindo kwelakowabo, wabafudusela kwilizwe lasemzini apho basekhoyo unanamhla.’

Uhlaziyo-Mnqophiso 29