Uhlaziyo-Mnqophiso 29:20-24 Ibhayibhile (XHO96)

20. Ewe, uNdikhoyo akayi kuba natarhu kumntu onjalo. Ndaweni yaloo nto uya kucaphuka, uvuthe umsindo wakhe, zize zithi neziqalekiso ezibhaliweyo apha kule ncwadi zimgubungele, ade ke uNdikhoyo amcime igama kwelimiweyo.

21. UNdikhoyo uya kwenza umzekelo ngaye kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli, amhlisele izithwakumbe ngokweziqalekiso zomnqophiso obhalwe kule ncwadi yomthetho wakhe.

22. “Oonyana benu abaya kuvela emva kwenu, ngokunjalo neentlanga eziphuma kumazwe akude, ziya kusibona isithwakumbe nenkxwaleko ayihlisele ilizwe lenu uNdikhoyo.

23. Umhlaba uya kubharha, wambathiswe yisulfure netyuwa. Awuyi kuvelisa nto; akuyi kuntshula nokhula olu lwembala. Elo lizwe liya kuba njengeSodom neGomora, iAdama neZebhoyim, awathi ngenxa yengqumbo nomsindo wazitshabalalisa uNdikhoyo.

24. “Zonke iintlanga ziya kubuza zithi: ‘Kwakutheni ukuze uNdikhoyo awenjenje lo mhlaba? Wayekhathazwe yintoni ade abe nomsindo kangaka?’

Uhlaziyo-Mnqophiso 29