Uhlaziyo-Mnqophiso 28:48-52 Ibhayibhile (XHO96)

48. Ngoko ke uya kubusa iintshaba akuthumele ngazo uNdikhoyo. Uya kucikidwa yindlala, unxano, nobuze, naziindidi ngeendidi zeentswelo. Uya kukukhama ngedyokhwe yentsimbi ude utshabalale.

49. UNdikhoyo uya kukuthumela ngohlanga oluvela kwelikude eziphelweni zehlabathi, abantu abantetho ungayivayo; bona ke baya kukurhewula njengokhozi.

50. Olu ke iya kuba luhlanga olungwanyalala, olungakhathalele mntu mdala, lungenanceba nasemntwaneni.

51. Iinkomo nesivuno sakho siya kuba lilifa labo, ube ke ubulawa yindlala. Aba bantu baya kutshayela konke nje: ingqolowa, iwayini entsha, amafutha omnquma, inkomo nenzala yayo, ngokunjalo negusha; ke wena ude utshabalale.

52. Baya kuzihlasela bazingqinge zonke iidolophu zelo lizwe akunika lona uNdikhoyo uThixo wakho, nezo ndonga zinde ukholosa ngazo ziya kudilika zifadalale.

Uhlaziyo-Mnqophiso 28