Uhlaziyo-Mnqophiso 24:12-19 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ukuba lo mntu lihlwempu, le mpahla yakhe ke mayingalali kuwe,

13. koko yibuyisele kuye ukutshona kwelanga, kuba uyayifuna ngexesha lokulala. Úya kuthamsanqeliswa ke nguloo mntu, nesenzo sakho sibe sesobulungisa emehlweni kaNdikhoyo uThixo wakho.

14. “Isicaka osiqeshileyo esisweleyo sukusiqhatha noba singumSirayeli okanye siyintlanga ehlala kwakwezo dolophu zenu.

15. Yonke imihla ukutshona kwelanga mhlawule ngomsebenzi wakhe; kaloku loo mali uyayifuna, uqamele ngayo. Xa ungamhlawuli uya kukuxela kuNdikhoyo, uze ke wena ube netyala.

16. “Abazali mabangabulawa ngenxa yamatyala enziwe ngabantwana babo, nabantwana mabangabulawa ngenxa yamatyala enziwe ngabazali babo; umntu makabulawe ngenxa yesono asenze ngokwakhe.

17. “Uzungayigqwethi inyaniso xa kuthethwa ityala labangeneleli neenkedama. Xa umhlolokazi eboleke ulutho, sukuyithatha ingubo yakhe abambisa ngayo.

18. Kaloku khumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka eJiputa, waza ke uNdikhoyo uThixo wakho wakukhulula; yiloo nto ke ndikunika lo myalelo nje.

19. “Ukuba ushiye isithungu sengqolowa entsimini xa uvunayo, sukuphinda usiphuthume; sesoba sesabangeneleli abahlala phakathi kwenu, neenkedama, nabahlolokazi, khon' ukuze uNdikhoyo uThixo wakho akuthamsanqele kuyo yonke into oyenzayo.

Uhlaziyo-Mnqophiso 24