6. Ngalo lonke ixesha uzungaze ube nobudlelwane nezi zizwe okanye ukhuthaze inkqubela yazo.
7. “Ungaze uwajongele phantsi amaEdom; kaloku uyazalana nawo. NamaJiputa uzungaze uwajongele phantsi; kaloku wawukhe waba ngumphambukeli elizweni lawo.
8. Wona ukusukela kwisizukulwana sawo sesithathu angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.”
9. “Xa umkhosi wakho uphuma usiya kuhlasela utshaba mawuzigcine ungenzi nanye into engavumelekanga.
10. Ukuba ijoni lithe *lanomlaza ngenxa yokuba lichithe ubudoda lilele, maliphumele ngaphandle, lihlale apho.
11. Kuya kuthi ke emalanga lihlambe umzimba, lize lithi lakutshona ilanga libuyele kwibutho lalo.
12. “Kufuneka ube nendawo yangasese ngaphandle qelele kwisikhululo sakho.