Uhlaziyo-Mnqophiso 22:8-16 Ibhayibhile (XHO96)

8. “Xa usakha indlu yenzele ungqameko apha emaphethelweni ephahla, khon' ukuze ungabi natyala lakubulala xa umntu ewe khona waza wafa.

9. “Entsimini olime kuyo idiliya sukulima nesinye isityalo, hleze ungafumani sivuno kuzo zombini.

10. Ungaze ubophe inkomo kunye nedonki xa ulimayo.

11. Ungaze unxibe impahla engumxube, uboya kunye nomchako.

12. “Impahla yakho yenzele amanquma kumasondo omane.”

13. “Kungenzeka ukuba indoda izeke, ize kamva idikwe ngumfazi lowo,

14. imnyelise ngokuthi: ‘Ndamzeka, ndaza ndathi ndakusondela kuye ndabhaqa into yokuba akayontombi.’

15. “Kumbandela onje ke abazali bomfazi baya kuthatha ubungqina bobuntombi, baye nabo enkundleni kumadoda amakhulu edolophu leyo.

16. Wothetha enjenje ke uyise: ‘Lo mfo wathatha le ntombi yam ukuba ibe ngumkakhe; kodwa ngoku udikiwe yiyo.

Uhlaziyo-Mnqophiso 22