Uhlaziyo-Mnqophiso 22:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. “Abafazi mabanganxibi iimpahla zamadoda, ngokunjalo namadoda makangazinxibi iimpahla zabafazi, kuba abantu abenza imikhuba elolo hlobo banezothe kuNdikhoyo uThixo wakho.

6. “Ukuba ubonisele intaka emthini okanye phantsi, waza wafumanisa ukuba imazi leyo iyafukama okanye inamathole, sukuyibamba uyithathe imazi leyo.

7. Amathole wona ungawathatha, kodwa ke yena unina myeke, khon' ukuze uxhamle ubomi obude obunenkqubela.

8. “Xa usakha indlu yenzele ungqameko apha emaphethelweni ephahla, khon' ukuze ungabi natyala lakubulala xa umntu ewe khona waza wafa.

Uhlaziyo-Mnqophiso 22