Uhlaziyo-Mnqophiso 20:15-20 Ibhayibhile (XHO96)

15. Uya kwenjenjalo ke xa usilwa nezixeko ezikude, nditsho ezingezizo ezeentlanga eziningqongileyo.

16. “Kodwa ke xa uhlasela isixeko esikwakwelo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho, uzubulale konke nje.

17. Vuthulula utshabalalise wonke umntu: amaHiti, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi, ngokomlomo kaNdikhoyo uThixo wakho.

18. Batshabalaliseni khon' ukuze banganiwexuleli ekumoneni uNdikhoyo uThixo wenu, banifundise ezaa ndlela zabo zimasikizi bazinqula ngazo *izithixo zabo.

19. “Xa uhlasela isixeko, sukuyigawula imithi yaso yeziqhamo, noba ungade usingqinge ixesha elide kangakanani na. Ungazitya iziqhamo ezo, kodwa ke ungayitshabalalisi yona imithi. Kungani uhlasele imithi ingelotshaba lwakho nje!

20. Ke yona eminye imithi ungayigawula uyisebenzise ekwaphulen' iimpondo eso sixeko ulwa naso.”

Uhlaziyo-Mnqophiso 20