11. Xa bathe bavula amasango bezinikezela, bonke baya kuba zizicaka zakho bakusebenzele.
12. Kambe ke xa abemi abo bengafuni kunikezela, bekhetha ukulwa, umkhosi wakho mawusingqinge eso sixeko.
13. Akuba ekuvulele ke uNdikhoyo uThixo wakho ukuba uhlasele, tshabalalisa yonke into eyindoda apho.
14. Kambe ke ungabathimba abafazi, nabantwana, nemfuyo, nako konke okulapho kweso sixeko. Ungayisebenzisa yonke into elixhoba oyithimbe kolo tshaba lwakho; uNdikhoyo uThixo wakho ukuphile.