1. “Xa uthe waphuma usiya kulwa notshaba, waza wabona ukuba lona luneenqwelo namahashe, nomkhosi walo ungaphezulu kowakho, sukoyika. *UNdikhoyo uThixo wakho owakukhupha eJiputa uya kuba nawe.
2. Phambi kokuba uhlasele makuze umbingeleli, afike athi apho emkhosini:
3. ‘Hoyina, maSirayeli! Namhla ilizwe lifile! Kambe ke sanukuba nantaka, ningabi nadyudyu! Musan' ukuphaphazela!
4. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uya kuba nani; nguye oza kunilwela anithwes' uloyiso.’