6. Ukutya namanzi wathengeni kubo xa nidlulayo.” ’
7. “Khumbulani kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unithamsanqele kuko konke enikwenzileyo. Unilondolozile ngalo lonke uhambo lwenu kwesi sithabazi sentlango. Kula mashumi mane eminyaka uNdikhoyo uThixo wenu ebenani, anaswela nto.
8. “Ngoko ke sanduluka, sagqitha eSeyire, nditsho kumhlaba wamawethu inzala kaEsawu, sayishiya indlela yasentlango ephuma e-Elati nase-Eziyon-gebhere eya kuLwandle oluFileyo, sajika sasinga kwintlango yaseMowabhi.
9. UNdikhoyo wandiyala wathi: ‘Uze ungawabandezeli uwaqale amaMowabhi, inzala kaLothe, kuba ndiwaphe idolophu yaseAra. Ke andiyi kukunika nendawana le kumhlaba wawo.’
10. “Apho ke eAra kwakumi uhlanga olomeleleyo, kusithiwa ngamaEma. Nawo ayeziingxilimbela njengama-Anaki.
11. Kwanjengama-Anaki nawo kwakusithiwa ngamaRafa, kambe ke wona amaMowabhi ayesithi ngamaEma.
12. Wona amaHori ayekade emi eSeyire, aza agxothwa yinzala kaEsawu, yawaphanzisa kwema yona kuloo mhlaba wawo, kwanjengokuba noSirayeli ezigxothile iintshaba zakhe kumhlaba awuphiwe nguNdikhoyo.
13. “UNdikhoyo wathi: ‘Sukani niwele umfula iZeredi.’ Senjenjalo ke.
14. “Ngoku ke kwakusekuyiminyaka emashumi mathathu anesibhozo saphumayo eKadeshe-bhaneya. Onke amajoni eso sizukulwana ayeselafa ngokomlomo kaNdikhoyo.
15. UNdikhoyo wachasana nawo wada wawatshabalalisa kwathi nya.
16. “Akuba loo majoni efe onke ke,
17. uNdikhoyo wathi kum:
18. ‘Namhlanje ke niza kucanda kumhlaba waseMowabhi ngaseAra.
19. Xa nilapho ke noba kufuphi kumhlaba wama-Amon, inzala kaLothe. Ze ningawabandezi okanye niwaqale; kaloku andiyi kuninika nento le kumhlaba endawunika wona.’
20. “Lo mmandla ke ukwaziwa ngokuba ngumhlaba wamaRafa, gama elo lilelabantu ababemi khona ngaphambili, ke wona ama-Amon ayesithi ngamaZamzum.
21. Nabo babeziingxilimbela njengama-Anaki. Babeluhlanga olomeleleyo, bebaninzi ngamanani. Phofu ke uNdikhoyo wabatshabalalisa, khon' ukuze umhlaba wabo umiwe ngama-Amon.