14. “Ungaze uwuhlehlise umlimandlela wentsimi yommelwane wakho. Kaloku wona wamiswa ngamanyange mandulo kwelo lizwe uliphiwe *nguNdikhoyo uThixo wakho.”
15. “Ingqina elinye alanele xa umntu ebekwa ityala, nokuba wone kanjani na. Ubutyala bommangalelwa kufuneka bumelwe ngamangqina amabini okanye amathathu.
16. Ukuba umntu okhohlakeleyo uzama ukudyobha omnye ngetyala,