Uhlaziyo-Mnqophiso 16:2-15 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ngoko ke ngaloo mini uzuye kuloo ndawo yokunqula yalathwe nguNdikhoyo ukuzinzisa igama lakhe, ufike wenze idini ngegusha okanye inkomo, usenzela uNdikhoyo uThixo wakho isidlo sePasika.

3. Kweli theko ke isonka uzusitye singanyuswanga. Iintsuku ezisixhenxe ke uzusebenzise isonka esinganyuswanga, kwanjengokuba wênzayo ukumka kwakho eJiputa buphuthu-phuthu. Yitya eso sonka ke – sona kothiwa sisonka seenzingo – khon' ukuze ungaze uyilibale nanini na imini owaphuma ngayo eJiputa.

4. Isithuba seentsuku ezisixhenxe ke kofuneka kungabikho namnye apho kwelo lizwe lakho ugcina igwele endlwini yakhe. Inyama yaloo nto ixhelwe ngolo rhatya lokuqala ize ityiwe igqitywe kwangobo busuku.

7. Inyama leyo ke uzuyojele apho endaweni yonqulo, uyityele khona, nize nibuyele kwezo ndawo nihlala kuzo.

8. Ngezo ntsuku zintandathu zilandelayo ke uzutye isonka esinganyuswanga; ngolu lwesixhenxe ke kofuneka ungaphathi msebenzi, koko nihlangane ninqule uNdikhoyo uThixo wenu.”

9. “Ukusuka kwixesha oqale ngalo ukuvuna uzubale iiveki zibe sixhenxe,

10. uze ke wenze umsitho wokubhiyozela ulibo, usenzela *uNdikhoyo uThixo wakho. Le nto ke uzuyenze ngokuzisa iminikelo yezinwe zakho ngokobungakanani beentsikelelo akunike zona.

11. “Uze wonwabe ube nemihlali phambi koNdikhoyo uThixo wakho: wena, nabantwana bakho, nezicaka, nabaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi eninabo kwelo lizwe lenu. Lo msitho ke mawenzelwe kuloo ndawo yonqulo yalathwe nguNdikhoyo ukuzinzisa igama lakhe.

12. Yithobele ngenyameko le mimiselo, ukhumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka kwelaseJiputa.”

13. “Emva kokuba uyibhulile ingqolowa wayikhama nediliya, uze wenze umsitho wamaphempe iintsuku zibe sixhenxe.

14. Ngelo thuba ke yonwaba ube nemihlali, wena, nabantwana bakho, nezicaka, nabaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi abaphakathi kwenu.

15. Menzele umsitho *uNdikhoyo uThixo wakho ngokubhiyoza iintsuku zibe sixhenxe endaweni yonqulo eyalathwe nguye. Uzuvuye wonwabe, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wakho uwuthamsanqele umsebenzi wakho watsho ngesivuno esincomekayo.

Uhlaziyo-Mnqophiso 16