Uhlaziyo-Mnqophiso 10:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ngelo xesha ke uNdikhoyo wabahlulela abaLevi umsebenzi wokulondoloza ityesi yomnqophiso, baququzelele *esibingelelweni sikaNdikoyo, bathamsanqele egameni lakhe. Yimisebenzi leyo basayenzayo unangoku.

9. Kungenxa yeso sizathu ke indlu kaLevi ingazange inikwe mhlaba ulilifa nje, njengezinye izindlu; ilifa layo yinkonzo kaNdikhoyo ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wenu.

10. “Nangesi ke isihlandlo, kwanjengesiya sokuqala, ndahlala apho entabeni amashumi amane eentsuku nobusuku bazo. Kwakhona ke uNdikhoyo wandiva kuba kwakungeyontando yakhe ukunitshabalalisa.

11. Wathi ke kum uNdikhoyo: ‘Phakama uye kubakhokela abantu, khon' ukuze bangene balithathe elo lizwe ndibathembise ngalo ooyihlo ngesifungo.’ ”

12. “Phulaphulani ke, maSirayeli, ingaba yintoni afuna niyenze *uNdikhoyo uThixo wenu? Ufuna nimhlonele, ningaphambuki endleleni yakhe. Ufuna nimthande, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke,

13. nithobele imiyalelo nemimiselo yakhe, le ndininika yona namhlanje ukuze kulunge kuni.

Uhlaziyo-Mnqophiso 10