Uhlaziyo-Mnqophiso 1:43-46 Ibhayibhile (XHO96)

43. Ndanixelela ke loo mazwi kaNdikhoyo, kodwa zange niwakhathalele. Ewe, nasuka namgwilikela, naza nathi ngelo kratshi lenu nalihlasela eleentaba.

44. Asuka ke wona ama-Amori awayehlala kwezo ntaba, athi quba phezu kwenu oku kwebubu leenyosi. Aningena ke, aniswantsulisa, nada naya kufika eHoma, anoyisela kwezo ntaba zaseSeyire.

45. Kweso sithuba ke naba ngazibika kuNdikhoyo nilila, suka wavingc' iindlebe, akaniphulaphula.

46. “Ke kaloku nahlala eKadeshe ixesha elide.”

Uhlaziyo-Mnqophiso 1