1. Ngonyaka wesithandathu, ngosuku lwesihlanu kwinyanga yesithandathu, ndandihleli endlwini yam, amadoda amakhulu akwaJuda ethe qwelele phambi kwam, ndaza ndonganyelwa ngamandla eNkosi *uNdikhoyo.
2. Ndajonga, ndaza ndabona into efana nomntu. Yayingathi ngumlilo ukusuka esinqeni kuhle; ukunyuka yayiqaqambe okwesinyithi esitshe sada sabomvu.
3. Yolula loo nto yayingathi sisandla, yandithi hlasi ngesihlwitha. UMoya wanditsho ndaphakathi komhlaba nezulu, ndaza ngokombono kaThixo ndasiwa eJerusalem kwisango elingentla yeyona nkundla iphakathi apho kwakumi *isithixo esasixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo.
4. Apho phambi kwam ndabona ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli obufana nqwa nobuya ndabuboniswa ethafeni.
5. INkosi yathi kum: “Mntundini, khangela ngasentla.” Ndaza ndajonga, ndabona isithixo esixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo simi kufuphi neqonga lamadini ngakwisango langentla.