Uhezekile 7:18-24 Ibhayibhile (XHO96)

18. Baya kunxiba amarhonya,bagubhe kukoyika.Baya kuba manyonywana,bazixhwithe iinwele zabo.

19. Baya kuyilahla ezitalatweni isiliva yabo,igolide ifane nento emdaka.Abayi kusindiswa yigolide nesiliva yabongomhla wengqumbo kaNdikhoyo.Abayi kuyidla xa belambile;kaloku yiyo ebakhubekisileyo.

20. Bebeqhayisa ngezihombo zabo ezimbeje-mbeje,bezisebenzisa ekwenzeni *izithixo zabo ezinezothe *nemifanekiso engamasikizi.Ngako oko ndiya kuziguqulazibe njengento emdaka kubo.

21. Ndiya kuzinika abasemzini,zibe lixhoba labo;ewe, zibe lixhoba lezikhohlakali zomhlaba,zona ziya kuzixabhela.

22. Ndoval' amehlo,bayigqwalisele indawo yam endiyixabise kunene;abaphangi bongena bayixabhele.

23. “Lungisani amatyathanga,kuba ilizwe lithe mome ligazi,isixeko songanyelwe lugonyamelo.

24. Ndiya kuza nezona zizwe zikhohlakeleyo,zithimbe izindlu zabo;ndiya kuliphelisa ikratshi labanamagunya,neendawo zabo zonqulo ziya kuxabheleka.

Uhezekile 7