Uhezekile 7:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo

2. lisithi: “Mntundini, ithi iNkosi uNdikhoyo kwilizwe lakwaSirayeli:“Isiphelo!Isiphelo sifikile kwiimbombo zone zomhlaba!

3. Mhlabandini, sifikile ngoku isiphelo sakho,kwaye ndiza kukubasela ngomsindo wam;ndiza kukugweba ngokwezenzo zakho,ndiziphindezele ngenxa yamasikizi owenzileyo.

4. Andiyi kuba naluvelwano,ndingayi kuba nayo nenceba,koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho,uchanwe ngamanyundululu akho.Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.

5. “INkosi uNdikhoyo ithi:“Intlekele!Nants' intlekele!Nants' ifikile!

6. Isiphelo sifikile!Isiphelo sigalelekile!Siyakugragramela!Ewe, sifikile!

Uhezekile 7