13. “Emva koko ke uya kuphela umsindo kum, nokuqumba kuthothe, kuba ndiya kuba ndiziphindezele. Xa ingqumbo yam ndiyikhuphele kubo baya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndithethile ndiqhutywa likhwele lam.
14. “Ndiya kukwenza ube ngophaleleyo nesigculelo seentlanga ophakathi kwazo kwanâbo badlula ngendlela.
15. Uya kuba ngumqondiso osisigculelo nentlekisa nesikizi kwabo uhleli phakathi kwabo, xa ndikohlwaya ngomsindo nangengqumbo, ndikukhalimela kabukhali. Mna Ndikhoyo ndithethile.
16. Iintolo zam endinitshabalalisa ngazo yindlala. Ewe, ndiya kuyandisa indlala kuni ngokuvala ningakuzuzi ukudla.