Uhezekile 48:32-35 Ibhayibhile (XHO96)

32. “Ngakwicala lasempumalanga, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaJosefu, isango likaBhenjamin, nesango likaDan.

33. “Ngakwicala lasemazantsi, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaSimon, isango likaIsakare, nesango likaZebhulon.

34. “Ngakwicala lasentshonalanga, elibude buziikhilimitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaGadi, isango lika-Ashere, nesango likaNafetali.

35. “Umgama ukujikeleza isixeko uya kuba ziikhilimitha ezilithoba.“Ukususela kwelo xesha igama lesixeko kuya kuthiwa *nguNdikhoyo ulapha.”

Uhezekile 48