22. Ngoko ke umhlaba wabaLevi nomhlaba wesixeko uya kuba sesazulwini somhlaba wenkosi. Umhlaba wenkosi uya kuthi xhaxhe ngomda wakwaJuda kwelinye icala, uze uthi xhaxhe ngomda wakwaBhenjamin ngelinye.
23. “Ngokubhekiselele kwezinye izizwe: siya kuba sinye isabelo sikaBhenjamin; siya kusuka empumalanga siye ngasentshonalanga.
24. “USimon uya kuba nesabelo esinye; siya kumelana nomhlaba kaBhenjamin ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
25. “UIsakare uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaSimon ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
26. “UZebhulon uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaIsakare ukusuka empuma kuye entshona.
27. “UGadi uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaZebhulon ukusuka empuma kuye entshona.
28. “Umda ongezantsi kaGadi uya kusuka eTamare uthi gaa ngamanzi eMeribha-kadeshe, uze ukhweze umfula ongakwicala leYiputa, uthi gaa ngoLwandle oluKhulu.
29. “Nango ke umhlaba oya kuwabela izizwe zakwaSirayeli ube lilifa lazo ngokwezahlulo zazo,” utsho uNdikhoyo iNgangalala.